INTSHAYELELO
Le Ntshayelelo ngokwesiGqeba icacisa inqanaba le projekthi, inika isishwankathelo solwakheko kunye nesiqulatho semigaqo yesiskimu sokucandwa kwemida kwaye iphawula umahluko ophambili phakathi koyilo lokugqibela kunye nolwesine. Uyilo lokuqala nolwesibini kunye nolwesine lwapapashelwa ukuba kuhlonyulwe kulo phakathi kweyeSilimela (Juni) neyeThupha (Agasti) 2004 kunye neyeKhala (Julayi) neyeThupha 2005 kunye noFebruwari ukuya kuMatshi 2005 ngokulandelelanayo. Uyilo lwesithathu waphuhliswa kwaye lwasetyenziswa njengoxwebhu olusetyenziswayo. Kwinquleqhu nganye yokupapashwa kwaqukwa uluhlu lweentlanganisa zoluntu kunye nogqithiso-ngxelo ezazingazange zizinyaswe ngabantu abaninzi. Izihlomlo ezafunyanwa kuluntu, kumaqumrhu eengcaphephe kunye namagosa kumaxwebhu oyilo athi apapashwa zahlalutywa yiKomiti eBhexeshayo yamalungu opolitiko kunye namagosa. Iimpendulo ezavela ngeli lixa lezi nkqubo zabonakalisa ukuphucuka kuxwebhu elo kwaye ngenxa yoko kunye nokuhlaziywa ngokupheleleyo koyilo lwesibini, olwesithathu kunye nolwesine, oko kwakhokelela kuphuhliso lolu yilo lokugqibela kwaphuhliswa. Njengenxalenye yenkqubo ehamba ngaxeshanye, iimephu zocando lwemida ezikhoyo zahlaziywa kwaye zangeniswa ngokolwakheko lwemeko yekhompyutha. Imimandla ekwiimephu zocando lwemida ezikhoyo zaguqulelwa kwimimandla ekufutshane engangena kuyo kwiskimu socando lwemida esitsha. Le projekthi ngoku ifikelele kwinqanaba ezi ndima zilandelayo zeskimu socando lwemida zikho ukuze kuhlonyulwe luluntu ngazo.
ImiGaqo yeSkimu soCando lweMida: uYilo lokuGqibela;
Imephu zocando lwemida ezikhoyo;
Imephu zocando lwemida ezintsha ziphawula imimandla yeSkimu soCando lweMida emitsha.
IMVELAPHI KUCANDO LWEMIDA
Iskimu sokucandwa kwemida luxwebhu lomthetho elimisela amalungelo nezinyanzeliso ezingophuhliso somhlaba, kwaye sisetyenziswa kunye neminye imithetho enjengemithetho engokusingqongileyo, ukuze kulawulwe ukusetyenziswa nokuphuhliswa komhlaba kwisixeko. Ngokomthetho, iskimu sokucandwa kwemida kumele ukuba simisele amalungelo osetyenziso kwaye sibonelele ngolawulo kulo malungelo osetyenziso kunye nokusetyenziswa komhlaba. Ngoku nje kukho izikimu zocando lwemida ezingama-27 ezahlukeneyo ezisetyenziswa eKapa. Uninzi lwazo luneemimandla yosetyenziso lomhlaba, iinkcazelo kunye namagatya ahlukeneyo kwaye uninzi lwawo aphelelwa ngenxa yokuba awasahambelani kunye neemeko ezikhoyo ngoku. Ezinye izikimu zomiselo losetyenziso lomhlaba zazimiselwe phantsi komthetho wocalucalulo, uMthetho woPhuhliso lwaBantu abaMnyama, kwaye zifuna ukutshintshwa ngokukhawuleza. Le nkqubo imbaxa ayisebenziseki kwaye inzima ukusetyenziswayo liBhunga likunye noluntu ngokubanzi. Isixeko esibumbeneyo njengeKapa sidinga isikimu socando lwemida esihlangeneyo esingabonakalisi ucalucalulo lwexesha elidlulileyo kwaye sihambelane nemiceli-mngeni yangoku. Ukujongana ngqo nale ngxaki, iSixeko iphuhlise iskimu socando lwemida esinye seSixeko saseKapa sisonke. Le nkqubo yaqala emva kokuba kwamkelwe uluhlu kwemithetho-siseko esisikhokelo. Okunye okwanakanwayo kule nkqubo kukuba iSixeko sineyantlukwano kwaye ke esi sikimu sitsha sosetyenziso lomhlaba kufuneka sikwazi ukuba nokulungiselela ezo yantlukwano, mayela noku ke kwaveliswa izibonelelo ezihamba ngokwemeko kwakunye nezosetyenziso lomhlaba oluxutyiweyo, amacebo osetyenziso lomhlaba abonisa iziphumo kwakunye nemimandla eyalekeneyo. Iskimu socando lwemida sineendidi ezininzi. Kukho uxwebhu lweSkimu soCando lweMida eliqulathe izibonelelo, amalungelo osetyenziso kunye nemithetho yophuhliso ommandla ngamnye. Kukwakho iimephu zocando lwemida zesixeko sisonke ezibonakalisa ukuba yeyiphi na imihlaba nezakhiwo emiselwe ukuba ibe kowuphi ummandla. Uluntu lungahlola ezi mephu zocando lwemida ukuze bamisele ucando lwemida yemihlaba nezakhiwo zalo, kwaye lungahlola imigaqo yesikimu socando lwemida ukuze luqinisekise ukuba amagatya ocando lwemida amatsha ayasebenza na kwimihlaba nezakhiwo zalo. Ezi nkcukacha zigcinwe kwii-Ofisi zikaMasipala kwaye zingenziwa zibekho kumntu onemihlaba nezakhiwo xa kuthe kwafakwa isicelo.
Olona xwebhu luyintloko lwesikimu socando lwemida lwahlulwe lwaziindima ezintlanu nezithe zahlulwa ukuba zibe zizahluko namacandelo. Kukwakho noxwebhu olusiSongezo oluqulathe imimandla eyalekeneyo kunye nezibonelelo jikelele kwakunye nezibonelelo ezizodwa ukulungiselela ngamnye kule mimandla yalekeneyo. Ulwakheko lwesikimu socando lwemida sibonakalisa ngokuphangaleleyo izikimu zocando lwemida ezikhoyo luya kungena endaweni yalo kwaye kufuneka kube lula ukuluqonda. Luquka ezi ndima zilandelayo: Inkangeleko ngokuphangaleleyo Eli candelo linika iinkcazelo kunye nolwazi malunga nesikimu socando lwemida kunye nezixhobo zocwangciso olunxulumeneyo. Eli candelo alinabugaga bomthetho. Likwanika iingcebiso zokufumana indlela yokuqonda ixwebhu kwaye liquka inkcazelo yokuba i-CTZS ihambisana njani kunye nenkqubo yolawulo losetyenziso lomhlaba yeSixeko. Indima yoku-I : Ulawulo
Le ndima idandalazisa phandle isicelo kunye nenjongo ephangaleleyo yeskimu socando lwemida kwaye ibonelela ngekhonkco kwiimephu zocando lwemida kunye nerejista. Ikwabonelela ngenkqubo emiselweyo yokwenza isicelo ngokwamalungiselelo exeshana kunye nesikimu socando lwemida, ukupapashwa kwezicelo, inkqubo emiselweyo yokuphunyezwa, ukunyanzeliswa kweemeko zokunyanzeliswa, ukunyaniseka kolwazi, inkqubo emiselweyo yokubhena kunye nempazamo. Esinye sezahluko kule ndima yesikimu socando lwemida sikwadandalazisa ukumiselwa kwemimandla kunye neendidi zosetyenziso. Amagatya ocando lwemida amiselweyo akwaqukwe kule ndima kwakunye nesishwankathelo sayo yonke imimandla ukwenza ukuba kube lula xa ubhekisa kuyo. Indima yesi-II : Iindidi zoCando lweMida Le ndima idandalazisa zonke iindidi zokucandwa kwemida kunye nemimandla esisiseko. Iindidi zocando lwemida ziyinkcazelo ebumbeneyo yoninzi lwemimandla esisiseko enxulumeneyo njengokuba imimandla esisiseko imisela ngokuthe ngqo imigaqo yophuhliso kunye nosetyenziso lomhlaba olusemthethweni kwiyunithi yomhlaba. Iindidi zocando lwemida kunye nemimandla esisiseko ingashwankathelwa ngale ndlela ilandelayo:
Udidi loCando-Mda
Injongo
ImiMandla yokuHlala uSapho oLunye (SR)
Kubonelelwa ngezindlu zokuhlala usapho olunye ikakhulu.
Kubonelelwa ngokuphuculwa kunye nokwandiswa kwezindlu ukusuka kumatyotyombe ukuya kwizindlu ezimiselwe ngokusemthethweni.
Uphuhliso lwendawo yokuhlala enengxinano ephakathi nalapho iqela lezindlu likhuthazwa.
Uphuhliso lwendawo yokuhlala enengxinano enkulu ebandakanya ibhloko leeflethi. Imigaqo yophuhliso eyahlukeneyo isetyenziswa kwimimandlana yocando lwemida eyahlukeneyo.
Kubonelelwa ngezixhobo zasekuhlaleni kwingingqi.
Kubonelelwa ngodederhu oluninzi lwezixhobo zasekuhlaleni. Oku kungakwinqanaba lengingqi okanye lwesiphaluka ngokobume.
Kubonelelwa ngosetyenziso olunoshishino oluphantsi kunye nosetyenziso oluxubileyo olubonelela nje izidingo zengingqi.
Ukubonelela ngoshishino oluphangaleleyo kunye nosetyenziso oluphakathi ukuya kkwelona qondo eliphezulu. Imigaqo eyahlukeneyo isetyenziswa kwimimandlana eyahlukeneyo.
Ukubonelela ngomxube wophuhliso loshishino, imizi-mveliso kunye neendawo zokuhlala. Imigaqo eyahlukeneyo isetyenziswa kwimimandlana eyahlukeneyo.
Ukubonelela ngeemizi-mveliso yonke ngaphandle kwemizi-mveliso enobungozi. Imigaqo eyahlukeneyo yophuhliso isebenza kwimimandlana eyahlukeneyo.
Ukubonelela ngesixokelelwano senkqubo yezothutho kunye namanyathelo ezothutho nanikeza ngenkonzo kuluntu.
Ukubonelela ngezitalato kunye neendlela zoluntu.
Lo ngummandla omtsha kwaye uqukwe kwisikimu sosetyenziso lomhlaba ukulungiselela usetyenziso lomhlaba kunye nolawulo lomhlaba kwizibuko lesizwe.
Ukubonelela ngamabala angumthabalala abekelwe bucala anjengamabala egalufa kwiiimihlaba nezakhiwo zegalufa.
Ukubonelela kunye nokukhusela ulimo kwiifama.
Ukubonelela ngeeimihlaba nezakhiwo ezincinane ezikumaphandle nezungasetyenziselwa ukulima nokufuya kwaye kuhlaliwe kuzo njengeendawo zokuhlala abantu abathanda ukuhlala ubomi bamaphandle.
Ukubonelela ngesixhobo sokuguqula ukusetyenziswa komhlaba owawungamiselwanga njengommandla othile.
Itheyibhuli yesishwankathelo semimandla isisiseko ebandakanya imigaqo yophuhliso yaqulunqwa njengencwadana esisalathiso kwaye iqhotyoshelwe kwesi sishwankathelo ngokwsigqeba. Indima yesi- III : Udidi loCando-mida oLwalekeneyo Le ndima yenza isibonelelo ngezixhobo zokulawula usetyenziso lomhlaba apho iBhunga linika impembelelo kwinkqubi emiselweyo yonyusa izikhokelo zomgaqo-nkqubo kumagatya alawulayo eskimu socando-mida. Ngokusebenzisa esi sixhobo, kunganikwa amalungelo osetyenziso lomhlaba ongeziweyo okanye amalungelo osetyenziso lomhlaba angacuthwa kwaye kungamiselwa imigaqo yophuhliso ethintelayo. Amagatya ommandla owalekanayo aya kongezelelwa kumagatya ommandla osisiseko. Isixhobo sommandla wocando-mida eyalekeneyo masingakhuthazi, sibangele okanye siququzelele iyantlukwano nokwahlukana ngokokuhlala. Le ndima ikwabonelela ngenkqubo emiselweyo yokulungisa, yamkele, ifake endaweni, ilungelelanisa kwaye indulule imimandla eyalekeneyo kwakunye newonga lalo mimandla yalekeneyo. Imimandla eyalekeneyo iqundaniswe ngokweendidi kwaye yahlulwa ngaphantsi kodidi ngalunye ngolu hlobo lulandelayo:
Injongo
Ukubonelela ngokuchongwa komhlaba uchongelwa ulwahlulwahlulo lwexesha elizayo.
Ukubonelela ngesixhobo sokulawula iiprojekthi ezinkulu zophuhliso ngokunika uthotho lweendlela zokucwangcisa izakhiwo.
Ukubonelela ngesixhobo sokumisela amanyathelo yeNkuthazo enkuthazo kuphuhliso khona ukuze kukhuthazwe izinto eziphambili kuphuhliso kunye nocwangciso njengomzekelo wendawo yokupaka, ubude, ubungakanani bomgangatho, ubungakanani bomhlaba wesiza okanye ingxinano.
Ukubonelela ngesixhobo sokumisela amanyathelo enkuthazo kuphuhliso khona ukuze kukhuthazwe izinto eziphambili kuphuhliso kunye nocwangciso njengomzekelo wokumisela ukuba ibe ncinane okanye ibenkulu kangakanani ingxinano kuphuhliso ngokuxhomekeke kubukho nezixhobo.
Ukubonelela ngokhuselo lweendawo kunye nemimandla yezinto ezililifa lemveli.
uMmandla oWalekeneyo kuLawulo lokuSingqongileyo (EMO)
Ukubonelela ngolawulo lweempawu okanye iindawo zokusingqongileyo okanye indalo esingqongileyo.
Ukubonelela ngolawulo longqameko lwedolophu khona ukuze kukufezekiswe ukuguquka okubuthathaka phakathi kwemimandla yedolophu, amaphandle kunye nolondolozo lwendalo.
Ukubonelela ngokhuseleko kwinkangeleko yendalo kunye neyenkcubeko kwimizila yabakhenkethi ebalulekileyo.
Ukubonelela ngemigaqo yophuhliso ethe ngqo kwingingqi.
Le ndima ye-IZS ibonelela ngamagatya nemigaqo ephangaleleyo esebenza kuyo yonke imimandla. La magatya anxulumene nemida yezakhiwo, imida ekumbindi wesitalato, izicwangciso zokuphuhlisa amanxiwa; into ezinobungozi, ukuphendla, imida yamadonga, iingqumba zemihlaba kunye nezakhiwo ezigcinwayo, ukunakekelwa kwezakhiwo kunye nokubekwa kweemoto, izixokelelwano zeepali zobuxhakaxhaka bonxibelelwano, iimfuneko zokufikelela kumanxiwa neendawo zokupka, ezokulayisha, amagumbi enkunkuma kunye nolwahlullwahlulo lomhlaba. Le ndima ikwaqulathe ingcaciso kunye neenkcazelo ezisetyenziswayo kwiskimu socando-mida. Indima yesi- V : IziHlomelo Le ndima iqulathe ulwazi olongezekileyo oluxhasa ulawulo lweskimu socando-mida njengoluhlu lwemimandla eyalekenayo. IBhunga liya kongeza okanye lilungelelanise iziHlomelo njengoko kubonelelwe kwiskimu socando-mida. Uxwebhu lwesongezo Olu xwebhu, sisongezo kuxwebhu oluyintloko lwemipoposho yomiselo losetyenziso lomhlaba, luqulathe izibonelelo jikelele kunye nezibonelelo ezizodwa zommandla ngamnye oza kumiselwa ngokwemipoposho yesikimu somiselo losetyeniso lomhlaba.
Oku kulandelayo luluhlu lwamacandelo amaninzi abe kwisiyilo sesine ekuthe kwenziwa utshintsho/uphuculo kuwo:
Indima
Isahluko
Isilungiso
Uqwalaselo jikelele
Kwenziwe izongezo jikelele ngokubhekisa kumthetho ochaphazela ucwangciso losetyenziso lomhlaba.
Naluphi na ubango lomhlaba kwixesha elizayo luza kuba yinxalenye yommandla wesikimu somiselo losetyenziso lomhlaba ngokwasemthethweni. Umhlaba ochazwa njengommandla okhuselekileyo awuyi kuqukwa kwizibonelelo zesi sikimu somiselo losetyenziso lomhlaba. Kucacisiwe ukuba izibonelelo zomiselo losetyenziso lomhlaba azinakho ukuchasa izibonelelo zomthetho wephondo okanye wesizwe.
Isibonelelo silungiselelwe kuphela ukuba kubekho unxulumelwano kunye nomthetho wocwangciso.
Kuquka isibonelelo esichaza ukuba uxwebhu lwesihlomelo oluqulathe yonke imimandla eyongeziweyo liza kuba yinxalenye yemipoposho yesikimu somiselo losetyenziso lomhlaba. Kuphuhliswe uxwebhu lwesihlomelo esinemimandla eyongeziweyo.
Imiqathango yolwamkelo
Apho kunikwe imvume yosetyenziso komnye ummandla, kuza kusetyenziswa imithetho yophuhliso yaloo mmandla kuloo mvume yosetyenziso.
Iimpazamo ezikwiimephu zomiselo losetyenziso lomhlaba
Inkqubo eza kulandelwa ukulungisa iimpazamo ichaziwe.
Iindidi zokusetyenziswa
Okuthathwa ngokuba lumiselo losetyenziso lomhlaba
Kuphuculwe indlela okubhalwe ngayo oko kuthathwa njengemiqathango ngokomthetho wocwangciso. Olu phuculo lukwanika unxulumaniso kunye neLUPO apho imiqathango ekhoyo ngoku yeshedyuli kwisikimu somiselo losetyenziso lomhlaba saseKapa kwixesha elizayo siza kuthathwa njengemiqathango yolwamkelo ngokomthetho wocwangciso. Kwenziwe nolunye uphuculo koko kuthathwa njengezibonelelo kumhlaba obufudula ungoweeNkonzo zezoThutho zaseMzantsi Afrika (ngoku ongumhlaba kaTRANSNET kunye noPRASA) kwaye iSixeko sikwinzame zokungena kwisivumelwano esisesikweni kunye nala maziko oluntu.
Ummandla wendlu yokuhlala eyodwa : SR1
Kusetyenziswa izithintelo ezongezelelekileyo kwimida yesakhiwo apho iziza ezincinci zayame kwiziza ezikhulu. Kufuneka isithinteli-mlilo esiyi-1m emva kweeyunithi zokuhlala ezidibeneyo ezi-4. Kuqukwe iqondo lolawulo loxinano kwiziza ezingaphezulu kunama- 2000m². Akukho mqathango wobungakanani ubekiweyo kwindawo yokuhlala yesibini. Ngoku ingalingana ngobungakanani neyona ndawo yokuhlala iyintloko, kodwa ayinakho ukuba nkulu kunayo. Kukho neminye imiqathango ebhekisa kwi-B&B`s. Akuvumelekanga ukusingathwa kwamatheko kunye neenkomfa. Height and coverage have been increased.
Zisusiwe iimvume zeethaveni ezindlwini kunye nokuthengiswa kotywala.
Ushishino jikelele
Iigaraji zepetroli zezosetyenziso ngemvume hayi zosetyenziso ngesivumelwano. Imigangatho kwinxalenye yezakhiwo ezisetyenziswa njengeefleti yongeziwe kwaye ezinye iindawo zeehotele azinakwanga ukubala ubungakanani bemigangatho.
Umoya - Amalungelo ezoMoya kunye nemigangatho engaphantsi komhlaba aqukwe kule nxalenye njengafanele ukuba acelelwe enye imvume.
Lo ngummandla omtsha oqukwe ngenjongo yokunika esi sikimu ulawulo losetyenziso lomhlaba kwizibuko lesizwe apho uphuhliso lwelo zibuko lulawulwa kwaye luvunyelwa ngokwesicwangciso sophuhliso esisisiseko. Eso sicwangciso sophuhliso sisisiseko kufuneka siquke icandelo lolawulo losetyenziso lomhlaba ukulungiseslela uphuhliso kwelo zibuko.
UMmandla oliBala
Ushishino olungekho sesikweni luqukwe njengemvume apho iziza zahlulwe ngokoMthetho kaMasipala weBhunga ukulungiselela injongo zoshishino olungekho sesikweni.
UMmandla wezoLimo
Kubhekisa kwiziza ezizezona zincinane. Kuvumeleke indawo yokuhlala yesibini enye kwihektare ezili-10 ukuya kuma kwiindawo zokuhlala ezi-5 ubuninzi.
UMmandla weCandelo loCwangciso oluLodwa
IziCwangciso zoPhuhliso lweSiza
Into enobungozi
Itshintshiwe ukuze ihambelane nowiso-mthetho oluchaphazelekayo.
Umphakamo ovumelekileyo wongeziwe.
Iindawo ezithandwa zizikhukula
Ziqukwe mva kwesi sahluko.
Oomatshini bokudlala kunye nabe-elektroniki
Baqukwe mva kwesi sahluko.
Umqulu wezicwangciso
Injongo ngokubanzi zoMqulu weziCwangciso kukunika indlela yokucwangcisa nokulawula uphuhliso lweendawo ezinkulu okanye iindawo ezibalulekileyo zophuhliso lwedolophu. Yinkqubo ehamba nothethathethwano, yocwangciso kunye nolwamkelo ehamba ngokwezigaba, ekuthi iinkcukacha zamanqanaba afanelekileyo ezicwangciso amkelwe ehamba kunye nemiqathango yolo lwamkelo. Ezi zibonelelo zithatha indawo yoMmandla owaLekanayo weSicwangciso esiSodwa.
Utoliko
Utoliko lwemilinganiselo yemiphakamo nalo luqukiwe. IBhunga lingafuna isatifikethi somphakamo esiqinisekiswe ngunocanda womhlaba obhalisiweyo esivela, kumnini-mhlaba.
Iinkcazo
Kwenziwe izongezo nezilungiso ezininzi ngenxa yezihlomlo ezifunyenweyo.
Izihlomelo
Kwenziwe utshintsho emva koqwalaselo ngokutsha lwemimandla ecandiweyo, lweendawo ezizodwa, lweemimandla eyalekeneyo kwaye imiqathango ebekiweyo equlathwe kwizikimu zomiselo losetyenziso lwemihlaba ithe yaqwalaselwa ngokutsha yaza yashiywa kwiimeko apho kungekho zinjongo izifezekisayo okanye yagcinwa ngokwemiqathango yolwamkelo okanye yemimandla eyalekeneyo.
Isongezo
Kongezwe imiba emitsha kuxwebhu oluqulathe yonke imimandla eyalekeneyo kunye nezibonelelo jikelele kwanezibonelelo ezizodwa.
UKUTHETHANA NOLUNTU
Makuqatshelwe ukuba olu lupapasho lokugqibela lwedrafti yokugqibela yeSixeko apho kumemezelwa izihlomlo kubo bonke abo banomdla nabachaphazelekayo. Kuza kuqhutywa ngale ndlela ilandelayo njengoko ngaphambili kuye kwalandelwa inkqubo egqibeleleyo yoboniswano/yengcebiswano:
Izaziso eziya kubo bonke abanomdla nabachaphazelekayo (I&AP`s)
Izaziso ziza kuthunyelwa kubo bonke abanomdla nabachaphazelekayo (I&AP`s) abathe bahlomla kwisiyilo sesine kwaye abakhoyo kuluhlu lwesebe olukwikhompyutha baza kwaziswa ngopapasho lwesiyilo sokugqibela.
Upapasho kumaphephandaba
Izaziso kumaphephandaba engingqi nawommandla Iinkcazo kumaphephandaba
Intlanganiso kunye nabameli amaqela oluntu kunye nemibutho yeengcaphephe echaphazelekayo
Kuza kuququzelelwa intlanganiso yokwazisa imibutho yoluntu kunye neengcaphephe ezinomdla malunga nezilungiso ezenziwe kwisiyilo sesine kwakunye novavanyo lwefuthe lophuhliso kwiindawo zophuhliso oluvunyelweyo kwimimandla yosetyenziso.
Olo xwebhu luza kufumaneka kwiWebhusayiti yeSixeko
Olu xwebhu kunye neemephu zomiselo losetyenziso lomhlaba ziza kuboniswa kuzo zonke ii-ofisi zocwangciso zesithili nasezilayibhrari ngaso sonke isithuba sopapasho lokwazisa
MU1
MU2
MU3
